16 Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani.
17 Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova.
18 Yeha ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya.
19 Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere;* angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume.
20 Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe?
21 Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela.
22 Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, àkakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo àndiwubheki.