24 Makugalekele umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo.
25 Imibingelelo neminikelo yokudla naniyizisa kum yini na entlango, iminyaka emashumi mané, ndlu kaSirayeli?
26 Nasuka nathwala umnquba wokumkani wenu, noseko lwemifanekiso yenu, inkwenkwezi yoothixo benu, enazenzelayo.
27 Ndiya kunifudusela kude ke ngaphaya kweDamasko; utsho uYehova; nguThixo wemikhosi igama lakhe.