1 Ngomnyaka wesithathu kaKoreshi ukumkani wamaPersi, watyhilelwa ilizwi uDaniyeli, ogama libizwa ngokuba nguBheletshatsare. Elo zwi liyinyaniso, lisingisele eluzengezengeni ke olukhulu; waliqonda elo lizwi, waba nokuwuqonda umbono.
2 Ngayo loo mihla mna, Daniyeli, bendisenza isijwili iintsuku zonke zeeveki ezintathu.
3 Àndidlanga sonka sinencasa, akungenanga nyama nawayini emlonyeni wam, andizithambisanga, zada zazaliseka iintsuku zonke zeeveki ezintathu.
4 Ngomhla wamashumi amabini anané wenyanga yokuqala, mna ndaba secaleni lomlambo omkhulu oyiHidekele.
5 Ndawaphakamisa amehlo am, ndabona: nantso indoda yambethe ilinen emhlophe, ibhinqe esinqeni sayo igolide ecikizekileyo yaseUfazi.
6 Umzimba wayo wawunjengekrizolite,* ubuso bayo ngathi ngumbane, ukubonakala kwabo; amehlo ayo enjengezikhuni ezitshangatshangiswayo; iingalo zayo neenyawo zayo zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo; nesandi samazwi ayo ngathi sisandi sengxokolo yabantu.
7 Mna, Daniyeli, ndawubona ndedwa umbono lowo; amadoda abenam akawubonanga umbono; kodwa awelwa kukugubha okukhulu, abaleka azimela.