Udaniyeli 2 XHO75

Izazi azinakumxelela ukumkani iphupha alilibeleyo

1 Ngomnyaka wesibini uNebhukadenetsare engukumkani, uNebhukadenetsare waphupha amaphupha, wakhathazeka umoya wakhe, waphelelwa bubuthongo.

2 Ukumkani wathi makubizwe izazi, nabakhwitsi, nabakhafuli, namaKaledi, bamxelele ukumkani amaphupha akhe. Beza ke bema phambi kokumkani.

3 Wathi ukumkani kubo, Ndiphuphé iphupha; umoya wam ke ungqungela ukulazi iphupha elo.

4 AmaKaledi athetha ke kukumkani ngesiAram, athi, Kumkani, yidla ubomi ngonaphakade! Bálawulele abakhonzi bakho iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.

5 Waphendula ukumkani, wathi kumaKaledi, Ilizwi lam malazeke; ukuba anithanga nindazise iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, niya kwenziwa iziqwenga, izindlu zenu zenziwe indawo ekuyiwa kuyo endle.

6 Ukuba nithe nalixela iphupha elo, nokutyhilwa kwalo, nozuza kum izipho, nemivuzo, nembeko enkulu; ngako oko ndixeleleni iphupha, nokutyhilwa kwalo.

7 Aphendula okwesibini athi, Ukumkani makabalawulele abakhonzi bakhe iphupha elo; sokuxelela ukutyhilwa kwalo.

8 Ukumkani waphendula wathi, Ndiyazi ngokunyanisekileyo, ukuba ninga ningazuza ixesha, ngenxa enokuba nibona ukuba seliwisiwe ilizwi lam.

9 Ukuba ke anithanga nindazise iphupha, mnye umthetho kuni; ngokuba nibhungé ngokuthetha amazwi angamanga, onakalisayo, phambi kwam, lide ixesha libe lilimbi. Ngako oko ndityeleni iphupha elo, ndázi ke ukuba nondixelela ukutyhilwa kwalo.

10 Aphendula amaKaledi phambi kokumkani, athi, Akukho mntu phezu kwehlabathi unokuyixela le nto kakumkani; ngenxa yokuba akukho kumkani mkhulu, unegunya, wakha wabuza into enjalo kuzo zonke izazi, nabakhwitsi, namaKaledi.

11 Ke loo nto ayifunayo ukumkani inqabile; akukho namnye unokuyixela phambi kokumkani, ingengabo oothixo abakhaya lingekhoyo kwizinto eziyinyama.

UThixo utyhila imfihlelo kuDaniyeli ngombono

12 Ngenxa yoko waqumba ukumkani, waba noburhalarhume obukhulu, wathi mazitshatyalaliswe zonke izilumko zaseBhabheli.

13 Kwaphuma umthetho wokuba mazibulawe izilumko.Bamfuna ke uDaniyeli namakholwane akhe, ukuba bababulale.

14 Waza waphendula ngecebo nangengqondo uDaniyeli kuAriyoki, umthetheli wabasiki bokumkani, obephume weza kubulala izilumko zaseBhabheli.

15 Waphendula wathi kuAriyoki, obenegunya lakomkhulu, Yini na ukuba kuphume umthetho onje ukuba bukhali kukumkani? Waza uAriyoki wamazisa uDaniyeli le nto.

16 UDaniyeli wangena, wacela ukumkani ukuba amphe ixesha, ukuba amxelele ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

17 Waza uDaniyeli waya endlwini yakhe, wayazísa ooHananiya, noMishayeli, noAzariya, amakholwane akhe, le nto;

18 ukuze bacele imfesane kuThixo wamazulu ngenxa yale mfihlakalo, ukuze bangàtshatyalaliswa uDaniyeli namakholwane akhe, kunye nezinye izilumko zaseBhabheli.

19 Waza wayityhilelwa uDaniyeli loo mfihlakalo ngombono wasebusuku. Waza uDaniyeli wambonga uThixo wamazulu.

20 Wasusela uDaniyeli wathi, Malibongwe igama likaThixo, kususela kunaphakade kude kuse ephakadeni; ngokuba ubulumko nobugorha bona bobakhe.

21 Yena uyawaguqula ke amaxesha neminyaka; uguzula ookumkani, amise ookumkani; unika ubulumko kwizilumko, unika ukwazi kwabakwaziyo ukuqonda.

22 Yena utyhila izinto ezinzulu nezisitheleyo; uyakwazi okusebumnyameni, ukukhanya kuhleli kuye.

23 Ndiya kubulela, Thixo woobawo, ndikuncoma, kuba undiniké ubulumko nobugorha, wandazisa kalokunje oko sibe sikucela kuwe; ngokuba usazísile ngokunje le nto yokumkani.

UDaniyeli uxelela ukumkani iphupha lakhe

24 Ngenxa yoko uDaniyeli wangena waya kuAriyoki, lowo ubemiswe ngukumkani ukuba atshabalalise izilumko zaseBhabheli. Waya ke, wathi kuye, Musa ukuzitshabalalisa izilumko zaseBhabheli; ndíse kukumkani; ndomxelela ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

25 Waza uAriyoki wamzisa uDaniyeli ngobungxamo kukumkani, wathi kuye, Ndifumene indoda koonyana baseluthinjweni lwakwaYuda, eya kumazisa ukumkani ukutyhilwa kwephupha elo.

26 Waphendula ukumkani, wathi kuDaniyeli, ogama linguBheletshatsare, Ùnako na ukundazisa iphupha endilibonileyo, nokutyhilwa kwalo?

27 Waphendula uDaniyeli phambi kokumkani, wathi, Imfihlakalo ayibuzayo ukumkani, azinako ukumxelela ukumkani izilumko, nabakhwitsi, nezazi, namatola.

28 Kodwa ke kukho uThixo emazulwini, ozityhilayo iimfihlakalo, onokumazisa ukumkani uNebhukadenetsare okuya kubakho ekupheleni kwemihla. Iphupha lakho, nemibono yentloko yakho esililini sakho, nantsi:

29 Wena kumkani, izicamango zakho zathi tyaba kuwe esililini sakho, zokúya kubakho emveni koku; lowo ke uzityhilayo iimfihlakalo uyakwazisa okuya kubakho.

30 Mna le mfihlakalo, ukuyityhilelwa kwam, àkungenxa yabulumko ndingába ndinabo ngaphezu kwabo bonke abaphilileyo; kungenxa yokuze aziswe ukumkani ukutyhilwa kwalo, uzazi izicamango zentliziyo yakho.

31 Wena kumkani, wabe ubona, nango umfanekiso omkhulu. Loo mfanekiso ubumkhulu, nokubengezela kwawo kwancamisa, umi phambi kwakho; imbonakalo yawo ibisoyikeka.

32 Loo mfanekiso, intloko yawo ibiyigolide elungileyo, isifuba sawo neengalo zawo ziyisilivere, isisu sawo namanqe awo elubhedu, imilenze yawo isisinyithi;

33 iinyawo zawo, ngenxalenye zisisinyithi, ngenxalenye ziludongwe.

34 Wawubona, kwada kwazithwebula ilitye, kungengazandla; labetha emfanekisweni, ezinyaweni zawo zesinyithi nodongwe, lazicola.

35 Zaza ke zacoleka kwakanye isinyithi, nodongwe, nobhedu, nesilivere, negolide, zaba njengomququ wezandá zasehlotyeni; wemka nazo umoya, azafunyanelwa ndawo. Ilitye elo, libethileyo emfanekisweni, laba yintaba enkulu, lazalisa ihlabathi lonke.

UDaniyeli utyhila iphupha

36 Lilo elo iphupha; ukutyhilwa kwalo sòkuxela phambi kokumkani.

37 Wena kumkani, kumkani wookumkani, uThixo wamazulu ukuniké ubukumkani, namandla, nokomelela, nozuko;

38 ezindaweni zonke ke, apho kuhleli khona into engumntu, amarhamncwa asendle neentaka zezulu úzinikele esandleni sakho, wakwenza wanegunya kuzo zonke: intloko yegolide le nguwe.

39 Emveni kwakho, kuya kuvela obunye ubukumkani obuphantsi kunawe, nobunye ubukumkani besithathu bobhedu, obuya kuba negunya ehlabathini lonke.

40 Nobesiné ubukumkani buya kuba njengesinyithi ukomelela, ngenxa enokuba isinyithi sizicola sizithi nkumenkume izinto zonke; boba njengesinyithi ukuzicola nokuzithi nkumenkume izinto zonke.

41 Wazibonáyo nje iinyawo neenzwane, beziludongwe lombumbi ngenxalenye, zisisinyithi ngenxalenye, bubukumkani obuya kuba bobahlukeneyo; kobakho ubulukhuni besinyithi kubo; ngenxa enokuba ubusibona sisinyithi sixutywe nodongwe oluludaka.

42 Iinzwane zeenyawo zisisinyithi njengenxalenye, ziludongwe njengenxalenye, ubukumkani buya kuthi bomelèle ngenxalenye, bube nkumenkume ngenxalenye.

43 Wasibonáyo nje isinyithi sixutywe nodongwe lodaka, baya kuzixuba nembewu yento engumntu; kodwa abayi kunamathelana, yabona, kwanjengokuba isinyithi singaxubeki nodongwe.

44 Ngemihla yabo kumkani, uThixo wamazulu uya kumisa ubukumkani obungayi konakala naphakade. Obo bukumkani abuyi kusala nabantu bambi; buya kuzicola buzigqibe zonke ezo zikumkani, bona bume ngonaphakade.

45 Ngenxa enokuba wabonáyo, ukuba ilitye lazithwebula entabeni, kungengazandla, lasicola isinyithi, nobhedu, nodongwe, nesilivere, negolide, uThixo omkhulu umazísile ukumkani okuya kubakho emveni koku; iphupha liqinisekile, ukutyhilwa kwalo kuyinyaniso.

Ukumkani ubenza bakhulu ooDaniyeli nabahlobo bakhe

46 Waza ukumkani uNebhukadenetsare wawa ngobuso bakhe, waqubuda kuDaniyeli, wathi, makathululelwe iminikelo yokudla, aqhunyiselwe amavumba athozamisayo.

47 Ukumkani wamphendula uDaniyeli, wathi, Okwenyaniso, uThixo wenu nguThixo woothixo, yiNkosi yookumkani, ngumtyhili weemfihlakalo: ùthe waba nako nje wena ukuyityhila le mfihlakalo.

48 Waza ukumkani wamenza mkhulu uDaniyeli, wampha izipho ezikhulu zazininzi, wamenza waba negunya phezu kwelizwe lonke laseBhabheli, waba ngumongameli omkhulu wezilumko zonke zaseBhabheli.

49 UDaniyeli wacela kukumkani; yena wamisa enkonzweni yokuphatha ilizwe laseBhabheli ooShadraki, noMeshaki, noAbhede-nego. Ke yena uDaniyeli waba sesangweni lokumkani.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12