14 Ndize kukuqondisa ke okuya kubahlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla; kuba umbono lo usengowemihla leyo.
15 Ithe ekuthetheni kwayo nam ngokwala mazwi, ndabubhekisa ubuso bam emhlabeni, ndasisidenge.
16 Nanko ofana noonyana babantu, echukumisa umlomo wam. Ndawuvula umlomo wam, ndathetha, ndathi kulo umi phambi kwam, Nkosi yam, ngenxa yembonakalo indifikele inimba yam, ndaphelelwa ngamandla.
17 Angáthini na ke ukuba nako umkhonzi wenkosi yam le, ukuthetha nenkosi yam le? Mna okwam àndisenamandla, akusekho mphefumlo kum.
18 Waphinda wandichukumisa onjengomntu, ukubonakala kwakhe, wandomeleza.
19 Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo; yomelela, yomelela. Úthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba ùndomelezile.
20 Wathi, Úyazi na into endizé ngayo kuwe? Ngoku ke ndiya kubuya ndiye kulwa nomthetheli wamaPersi; ndiphuma nje, nanko umthetheli wakwaYavan* esiza.