18 Waphinda wandichukumisa onjengomntu, ukubonakala kwakhe, wandomeleza.
19 Wathi, Musa ukoyika, ndoda inqwenelekayo, yiba noxolo; yomelela, yomelela. Úthe ekuthetheni kwakhe nam ndomelezeka, ndathi, Mayithethe inkosi yam, kuba ùndomelezile.
20 Wathi, Úyazi na into endizé ngayo kuwe? Ngoku ke ndiya kubuya ndiye kulwa nomthetheli wamaPersi; ndiphuma nje, nanko umthetheli wakwaYavan* esiza.
21 Noko ke ndiya kukuxelela okubhaliweyo esibhalweni senyaniso. Akukho namnye womelezana nam ngakwabo, ngaphandle kukaMikayeli, umthetheli wenu.