1 Nam ke, ngomnyaka wokuqala kaDariyo umMedi, ndema ukuba ndimomeleze ndimhlanganisele.
2 Ngoku ke ndiya kukuxelela inyaniso. Yabona, kusaza kusuka kume ookumkani abathathu kumaPersi, nowesiné uya kutyeba ngobutyebi obukhulu kunabo bonke; athi, xa omeleleyo ngobutyebi bakhe, abaxhokonxe bonke, baye kulwa nobukumkani bakwaYavan.*
3 Kosuka kume ukumkani oligorha alawule ngolawulo olukhulu, enze ngokukholeka kuye.
4 Buya kuthi, xa athe wesuka wema, buqhekezwe ubukumkani bakhe, bahlulelwe emimoyeni yominé yasezulwini, bungabi bobempunde yakhe, bungabi njengolawulo lwakhe abelawula ngalo; kuba buya kunyothulwa ubukumkani bakhe, bube bobabambi, bungabi bobayo.