27 Ookumkani abo babini, iintliziyo zabo ziya kutsalela ekwenzeni ububi, bathethe amanga sithebeni sinye. Akuyi kuba nampumelelo, kuba isiphelo sisaya exesheni elimisiweyo.
28 Wobuyela ke ezweni lakhe enempahla eninzi, intliziyo yakhe iwuchàse umnqophiso ongcwele, afeze, abuyele ke ezweni lakhe.
29 Ngexesha elimisiweyo uya kubuya aye ngasezantsi; ekupheleni kungabi njengoko bekunjalo ekuqaleni.
30 Ziya kuza kuye iinqanawa zamaKiti; uya kukhohlwa, abuye, awubhavumele umnqophiso ongcwele, afeze, abuye, abaqonde abashiya umnqophiso ongcwele.
31 Iingalo zakwakhe zosuka zime, ziyihlambele ingcwele, kwainqaba, zisuse inkonzo yamaxesha onke, zimise izinto ezinezothe, eziphanzisayo.
32 Abaphatha umnqophiso ngokungendawo wobahlambela ngamazwi agudileyo, ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo babambelele kuwo, bafeze.
33 Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku.