33 Abanengqiqo ebantwini boluqondisa uninzi, ukanti baya kukhubeka, bawe likrele nalilangatye, kukuthinjwa nakukuphangwa, kube ziintsuku.
34 Ekukhubekeni kwabo, baya kuncedwa ngoncedo oluncinane, bathelele kubo abaninzi, benyhwalaza.
35 Yokhubeka inxenye yabanengqiqo, ukuze bacikidwe phakathi kwabo, bahlanjululwe, kwenziwe mhlophe, kude kube lixesha lokuphela; kuba kusaya kuba ngokwexesha elimisiweyo.
36 Ukumkani uya kwenza ngokukholeka kuye, azinyuse, azikhulise ngaphezu koothixo bonke, athethe amazwi abalulekileyo ngoThixo woothixo, abe nempumelelo, lude luphele ubhavumo; ngokuba kuyenzeka okumisiweyo, kwagqitywa.
37 Akayi kubaqonda oothixo booyise, nokunqwenelekayo kubafazi, nothixo onguwumbi angamqondi, kuba uya kuzikhulisa ngaphezu kwabo bonke.
38 Endaweni yabo wozukisa uthixo weenqaba, uthixo ababengamazi ooyise; amzukise ngegolide, nangesilivere, nangamatye anqabileyo, nangezinto ezinqwenelekayo.
39 Wokwenzela oku iinqaba ezinqatyisiweyo ngothixo wolunye uhlanga; lo umbukayo, uya kumandisela uzuko, amphathise abaninzi, amàbele umhlaba ngokumvuza.