9 Wongena ebukumkanini bokumkani wasezantsi, abuyele emhlabeni wakhe.
10 Oonyana bakhe baya kuxhoba, bahlanganise imfidi yeempi ezininzi, ize nokuza, ikhukule, idlule, ibuye; balwe, bade base enqabeni yakhe.
11 Wocaphuka ukumkani wasezantsi, aphume alwe naye, nokumkani wasentla lowo; yena ke amise imfidi enkulu, ke imfidi leyo inikelwe esandleni sakhe.
12 Yothi imfidi yakusuka iziphakamise, awise amawakawaka angamashumi; ke angeyisi noko.
13 Wobuya ukumkani wasentla, amise imfidi enkulu ngaphezu kweyokuqala, eze nokuza ekupheleni kwamaxesha eminyaka, enempi enkulu neempahla ezininzi.
14 Ngaloo maxesha kuya kusukela phezulu abaninzi ngakukumkani wasezantsi; baziphakamise oonyana abangamanyangaza abantu bakowenu, ukuba bawumise umbono; bakhubeke.
15 Wofika ukumkani wasentla, afumbe udonga lokungqinga, ayithimbe imizi enqatyisiweyo; iingalo zasezantsi zingamisi, nabantu bakhe abahleliweyo bangabi namandla okuma.