18 Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babumé ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.
19 Ndaza ndanga ndingáyazi inyaniso ngeli rhamncwa lesiné, elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka, elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola, layinyathela ngeenyawo into eseleyo;
20 nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo, nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lùbe lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu; ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo.
21 Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa;
22 wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babumé ububukumkani.
23 Watsho ukuthi, Irhamncwa lesiné ke: kuya kubakho ubukumkani besiné ehlabathini, obungafaniyo bona nezikumkani zonke, bulidle ihlabathi lonke, bulinyathele, bulicole.
24 Iimpondo ezilishumi ke: kuya kusuka kume kobo bukumkani ookumkani abalishumi, kusuke omnye emva kwabo; lowo akayi kufana nabaphambili; uya kuthoba ookumkani abathathu,