2 Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yominé yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.
3 Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.
4 Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.
5 Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere;* laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi.
6 Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amané emhlana walo, lineentloko eziné; irhamncwa elo lanikwa igunya.
7 Emveni koko ndabona emibonweni yasebusuku: nalo irhamncwa lesiné, eloyikekayo, elomeleleyo, elincamisileyo ngamandla, elimazinyo makhulu esinyithi, lisidla, liyicola, liyinyathela ngeenyawo zalo into eseleyo; laye lingafani nawo onke amarhamncwa abengaphambili kwalo; lineempondo ezilishumi.
8 Ndaziqiqa iimpondo, ndabona kunyuka phakathi kwazo olunye uphondo, luluncinane, ekwancothulwa phambi kwalo ezintathu kwezokuqala iimpondo. Nanko ke, kukho kolu phondo amehlo anjengamehlo omntu, nomlomo uthetha izinto ezinkulu kakhulu.