18 Ke kaloku, ekuthetheni kwakhe nam, ndawa isiduli ngobuso emhlabeni; wandichukumisa, wandimisa endaweni yokuma kwam.
19 Wathi, Yabona, ndiya kwazisa okuya kubakho ekupheleni kobhavumo; ngokuba umbono uya kwixesha elimisiweyo lokuphela.
20 Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngokumkani bamaMedi nabamaPersi;
21 nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan;* uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala.
22 Ukwaphuka oku, kumè zibe né esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani eziné eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.
23 Ekupheleni kobukumkani babo, bakubon' ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala, obaziyo ubuqhetseba;
24 omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke úya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele.