23 Ekupheleni kobukumkani babo, bakubon' ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala, obaziyo ubuqhetseba;
24 omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke úya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele.
25 Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla.
26 Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke, uze uwuvalele umbono; ngokuba úya kwimihla emininzi.
27 Mna Daniyeli ndaphela, ndaneentsuku ndisifa; ndavuka, ndayenza imicimbi yokumkani. Ndamangaliswa yimbonakalo leyo; kwakungekho uyiqondayo.