8 Inkunzi yebhokhwe yakhula ngokuncamisileyo; ke, yakuba namandla, lwaphuka uphondo olukhulu; esikhundleni salo kwavela eziné ezibonakalayo, zabheka emimoyeni yominé yasezulwini.
9 Kolunye kuzo kwaphuma uphondo luluncinane, lwaba lukhulu ngokuncamisileyo, lwabheka ngasezantsi, nangasempumalanga, nangasezweni eliligugu.
10 Lwakhula lwada lwesa kumkhosi wezulu, lwayiwisa emhlabeni inxenye yomkhosi lowo weenkwenkwezi, lwayinyhasha.
11 Lwazikhulisa, lwada lwesa kumthetheli-mkhosi lowo, lwasusa kuye inkonzo yamaxesha onke; nendawo yengcwele yakhe yawiswa phantsi.
12 Umkhosi unikelwe kulo, kunye nenkonzo yamaxesha onke, ngenxa yesikreqo; inyaniso lwayiwisela phantsi emhlabeni, lwenza lwaba nempumelelo.
13 Ndamva ongcwele ethetha; wathi ke omnye ongcwele kulowo ubethetha, Ngowomzuzu ongakanani na umbono lowo wenkonzo yamaxesha onke, nowesikreqo esiphanzisayo, ukunikelwa oko kwengcwele nomkhosi lowo ekunyhashweni?
14 Wathi kum, Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele.