17 Kaloku ke, Thixo wethu, kuphulaphule ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, ubukhanyise ubuso bakho phezu kwengcwele yakho elinxuwa, ngenxa yeNkosi.
18 Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi.
19 Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze. Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.
20 Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam, nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndiwisa ukutarhuzisa kwam phambi koYehova uThixo wam, ngenxa yentaba engcwele yoThixo wam:
21 ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli,* leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa.
22 Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde.
23 Kwaphuma ilizwi ekuqaleni kokutarhuzisa kwakho; mna ndizé kulixela kuwe, ngokuba ungonqwenelekayo. Liqonde ke ilizwi, uqonde umbono.