4 Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe,
5 sònile, senzé ngobugwenxa, senzé okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho.
6 Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe.
7 Nkosi, bukuwe ubulungisa; kúthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe.
8 Nkosi, kúthi kukudana kobuso, kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe.
9 ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye.
10 Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti.