1 Ukumkani noHaman beza kusela noEstere ukumkanikazi.
2 Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ùcela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ùfuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.
3 Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam.
4 Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.
5 Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? úphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo?
6 Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi.
7 Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye.