1 Ngaloo mini, ukumkani uAhaswerosi wamnika uEstere ukumkanikazi indlu kaHaman, umbandezeli wamaYuda. UMordekayi weza phambi kokumkani; kuba uEstere ubeyixelile into abeyiyo kuye.
2 Ukumkani wakhulula umsesane wakhe, abewuthabathe kuHaman, wanika uMordekayi. UEstere wammisa uMordekayi phezu kwendlu kaHaman.
3 Waphinda uEstere, wathetha phambi kokumkani, ewé phambi kweenyawo zakhe, elila etarhuzisa kuye, ukuba abutshitshise ububi bukaHaman umAgagi, nengcinga yakhe abeyicingile ngamaYuda.
4 Waza ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide; wavuka uEstere, wema phambi kokumkani.
5 Wathi, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba ndithe ndababalwa nguye, yafaneleka le nto phambi kokumkani, nam ndalunga emehlweni akhe: makubhalwe zibuye iincwadi zengcinga kaHaman unyana kaHamedata, umAgagi, awazibhalela ukuwatshabalalisa amaYuda asemazweni onke kakumkani.
6 Kuba ndingáthini na ukuba nako ukububonela ububi obuyà kubazela abantu bakowethu? Ndingathini na ukuba nako ukukubona ukutshatyalaliswa kwemizalwane yam?
7 Wathi ukumkani uAhaswerosi kuEstere ukumkanikazi, nakuMordekayi umYuda, Yabonani, indlu kaHaman ndiyinike uEstere; yena ngokwakhe bamxhoma emthini, ngenxa yokuba wasa isandla sakhe kumaYuda.