Uezra 3:4-10 XHO75

4 Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo.

5 Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.

6 Baqala ngowokuqala umhla wenyanga yesixhenxe, baqala banyusa amadini anyukayo kuYehova; itempile kaYehova ibe ingekasekwa.

7 Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare* eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.

8 Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.

9 Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo: oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.

10 Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.