Uezra 3:7-13 XHO75

7 Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare* eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.

8 Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.

9 Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo: oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.

10 Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

11 Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Úlungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.

12 Ke isininzi kubabingeleli, nabaLevi, neentloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu, awayeyibonile indlu yokuqala, sathi ekusekweni kwale ndlu emehlweni aso, salila ngezwi elikhulu; ke abaninzi baduma, bavuya ngokuphakamisa ilizwi.

13 Abantu ababa nakulahlula ilizwi lokuduma ngokuvuya kwilizwi lokulila kwabantu; ngokuba abantu babeduma ngodumo olukhulu; ilizwi lavakala nakude.