11 Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabàkhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwáyo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.
12 Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.
13 Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo.
14 Kananjalo iimpahla zendlu kaThixo zegolide nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni eseYerusalem, awazizisayo etempileni yaseBhabheli, ezo wazikhupha uKoreshi ukumkani etempileni yaseBhabheli: zanikelwa kogama linguSheshbhatsare, awammisayo ukuba abe libamba.
15 Wathi kuye, Thabatha ezi mpahla, hamba, uzise etempileni eseYerusalem, indlu kaThixo yakhelwe endaweni yayo.
16 Waza weza lo Sheshbhatsare, wazibeka iziseko zendlu kaThixo eseYerusalem; kususela kwelo xesha unangoku iyakhiwa; ayikagqitywa ke.
17 Kaloku, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphicothwe endlwini yendyebo yokumkani, eseBhabheli apho, kukhangelwe ukuba kunjalo na, ukuba wawiswa na umthetho nguKoreshi ukumkani, wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem; kananjalo makuthunyelwe kuthi ukuthanda kokumkani ngale nto.