19 Ke iimpahla ozinikiweyo ngenxa yombuso wendlu kaThixo wakho, zinikele ziphelele phambi koThixo eYerusalem.
20 Nezinye izinto ezifunekayo zendlu kaThixo wakho, othi kuyafuneka ukuba zinikelwe, wòzirhola endlwini yendyebo yokumkani.
21 Mna Artashashta, kumkani, ndiwisa umthetho kubo bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo,* wokuba konke aya kukubiza kuni uEzra, umbingeleli, umbhali womthetho kaThixo wamazulu,
22 makwenziwe ngenyameko, kuse ekhulwini leetalente* zesilivere, nekhulu leekore* zengqolowa, nekhulu leebhate* zewayini, nekhulu leebhate zeoli, netyuwa ingalinganiselwa.
23 Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngokuthe nqò; kuba kungàni na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe?
24 Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo.
25 Wena Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, misa abagwebi, nabathethi bamatyala, ebantwini bonke abaphesheya koMlambo; ndithi, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; nabangayaziyo nobazisa.