3 Ndathi ndakuliva elo lizwi, ndazikrazula iingubo zam, kwaneyokwaleka, ndazidlathula iinwele zam neendevu, ndahlala phantsi ndimangalisiwe.
4 Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswáyo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa.
5 Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi:
6 Thixo wam, ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam; ngokuba ubugwenxa bethu bukhulile, baba phezu kweentloko zethu; netyala lethu likhulu, lesa emazulwini.
7 Kususela kwimihla yoobawo, sisetyaleni elikhulu unanamhla; ngenxa yobugwenxa bethu sanikelwa thina, nookumkani bethu, nababingeleli bethu, esandleni sookumkani bala mazwe, nasekreleni, nasekuthinjweni, nasekuphangweni, nasekudaneni kobuso, njengoko kunjalo namhla.
8 Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.
9 Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.