1 Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.
2 Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo.
3 Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angàthethi wona amanga; ukuba úthe wazilazila, wulinde, kuba úya kuza, awuyi kubuya umva.
4 Yabona, úgxalathelene, àwuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.
5 Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, engàneliswa, koko ezihlanganisela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.