Uhabhakuki 1 XHO75

Umprofeti ukhalazela uYehova ngokunyamezela kwakhe inkohlakalo

1 Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.

2 Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungàsindisi?

3 Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakamé ingxabano.

4 Ngenxa yoko úyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.

AmaKaledi axhoxhwa ukuze ohlwaye uYuda

5 Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.

6 Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo.

7 Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo.

8 Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kundla.

9 Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.

10 Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.

11 Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.

Umprofeti uyakhalaza kuThixo ngokunginiza kwamaKaledi

12 Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamiséle ukuba bagwebe; Liwa, ùbaseké ukuba bohlwaye.

13 Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ùbondéle ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?

14 Ulwenzé ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli.

15 Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.

16 Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebé ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo.

17 Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?

kwizahluko

1 2 3