12 Ùlinyathela ilizwe ubhavuma,Unyhashe iintlanga unomsindo.
13 Ùphuma ukuba usindise abantu bakho,Ukuba usindise umthanjiswa wakho;Uphaluse intloko endlwini yongendawo,Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)
14 Ùyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe,Ezigalelekayo zisiza kundichitha;Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.
15 Ùnyathela ulwandle ngamahashe akho,Isiyaluyalu samanzi amaninzi.
16 Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam,Umlomo wam wabebezela seso sithonga;Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona;Ukuba ndilindèle imini yembandezelo,Eza ebantwini oya kubangenela.
17 Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba,Kungabikho ndyebo emidiliyeni;Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso,Amasimi angabi nakudla,Iphele esibayeni impahla emfutshane,Kungabikho nkomo esitalini:
18 Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova,Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.