15 Ùnyathela ulwandle ngamahashe akho,Isiyaluyalu samanzi amaninzi.
16 Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam,Umlomo wam wabebezela seso sithonga;Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona;Ukuba ndilindèle imini yembandezelo,Eza ebantwini oya kubangenela.
17 Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba,Kungabikho ndyebo emidiliyeni;Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso,Amasimi angabi nakudla,Iphele esibayeni impahla emfutshane,Kungabikho nkomo esitalini:
18 Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova,Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.
19 Úngamandla am uYehova iNkosi;Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi,Andinyathelise emimangweni yam.Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo.