12 Baliphulaphula ke ooZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, noYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, namasalela onke abantu, ilizwi likaYehova uThixo wabo, ngokwamazwi kaHagayi umprofeti, njengoko wayemthumile uYehova uThixo wabo; boyika abantu ebusweni bukaYehova.
13 Wakuthetha uHagayi umthunywa kaYehova ukuthunywa kwakhe nguYehova ebantwini, wathi, Ndináni, utsho uYehova.
14 UYehova wawuvuselela umoya kaZerubhabheli unyana kaShalatiyeli, ibamba lakwaYuda, nomoya kaYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu, nomoya wamasalela onke abantu. Beza ke, bawenza umsebenzi endlwini kaYehova wemikhosi, uThixo wabo,
15 ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yesithandathu, ngomnyaka wesibini kakumkani uDariyo.