4 Kwathi ndakuweva la mazwi, ndahlala phantsi, ndalila, ndenza isijwili iintsuku, ndazila ukudla, ndathandaza phambi koThixo wamazulu,
5 ndathi, Camagu, Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu, owoyikekayo, obagcinelayo umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe.
6 Indlebe yakho mayikhe ibázeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esoné ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile;
7 sonakalisile, senza ububi ngakuwe. Asiyigcinanga imithetho, nemimiselo, namasiko, obumwisele umthetho ngawo uMoses umkhonzi wakho.
8 Khawulikhumbule ilizwi owamwisela umthetho ngalo uMoses umkhonzi wakho, elithi, Ukuba nina nithe nenza ubumenemene, ndonichithachithela ezizweni;
9 ke ukuba nithe nabuyela kum, nayigcina imithetho yam, nayenza, nokuba kuthe kwabakho kuni abagxothelwe ekupheleni kwezulu; ndobabutha nalapho, ndibazise kuloo ndawo ndiyinyulele ukulibeka kuyo igama lam.
10 Aba ke ngabakhonzi bakho, nabantu bakho, owabakhulula ngamandla akho amakhulu, nangesandla sakho esithe nkqi.