10 ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.
11 Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.
12 Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe. umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.
13 Isango lomfula lalilungiswa nguHanun nabemi baseZanowa; bona balakha, bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo, newaka leekubhite* eludongeni, kwada kwesa esangweni lezàla.
14 Isango lezàla lalilungiswa nguMalekiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili seBhete-kerem; walakha, wazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
15 Isango lomthombo lalilungiswa nguShalum unyana kaKoli-hoze, umphathi wesithili saseMizpa; yena walakha, walifulela, wazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo; walulungisa nodonga lwechibi leSilowa ngasemyezweni wokumkani; kwesa ezinyukweni zokuhla, kuvelwa emzini kaDavide.
16 Emva kwakhe kwakulungiswa nguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umphathi wesiqingatha sesithili seBhete-tsure, kwesa malunga namangcwaba kaDavide, kwesa echibini elibe lenziwe, kwesa nasendlwini yamagorha.