6 Isango lodonga oludala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPaseha, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
7 Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.*
8 Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.
9 Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;
10 ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.
11 Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.
12 Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe. umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.