1 Kwathi, kwakuvakala kuSanebhalati, nakuTobhiya, nakuGeshem umArabhi, nakwezinye iintshaba zethu, ukuba ndilwakhile udonga, akwasala luthanda kulo (nakuba kwada kwalelo xesha ndingazimisanga iingcango emasangweni),
2 bathumela kum uSanebhalati noGeshem, besithi, Yiza, sihlangane komnye wemizana esesihlanjeni seOno.
3 Babecinga ukundenza into embi. Ndathumela abathunywa kubo, ndathi, Ndenza umsebenzi omkhulu, andinakuhla; yini na ukuba ume umsebenzi lo, ngokuthi ndiwuyeke, ndihle ndize kuni?
4 Bathumela kum ngokunjalo izihlandlo zaziné, ndabaphendula kwangelo lizwi.
5 USanebhalati wathumela ngokunjalo kum indodana yakwakhe, isihlandlo sesihlanu, inencwadi evulekileyo esandleni sayo;
6 kubhalwe kuyo kwathiwa, Kuvakele ezintlangeni, utsho noGashemu ukuthi, Wena namaYuda nicinga ukugwilika; ùlwakha ngenxa yoko udonga olo; ùnqwenele ukuba ngukumkani wawo, ngokwaloo mazwi.
7 Kananjalo ùmise abaprofeti bokumemeza ngawe eYerusalem, besithi, Kumkani wamaYuda! Ngoko ke kuya kuvakala kukumkani ngokwaloo mazwi; yiza ke ngoko, sicebisane.