3 Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.
4 Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.
5 UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwâbo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:
6 Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukáyo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ábabuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,
7 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana.Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:
8 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
9 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.