29 Wangqina ngabo, ukuba ubabùyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bóna kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.
30 Wabathwala iminyaka emininzi, wangqina ngabo ngoMoya wakho, ngabaprofeti bakho; àbakubekela ndlebe; wabanikela ke ezandleni zezizwe zamazwe.
31 Ke ngeemfesane zakho ezinkulu akubagqibanga kuphele, akubashiyanga; ngokuba unguThixo onobabalo, nemfesane.
32 Kaloku, Thixo wethu, Thixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ogcina umnqophiso nenceba, mayingabi ncinane phambi kwakho yonke indiniso esiyifumeneyo thina, nookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, nabaprofeti bethu, noobawo, nabantu bakho bonke, kususela kwimihla yookumkani baseAsiriya, kude kube yile mini.
33 Ùlilungisa entweni yonke esifikeleyo; ngokuba wena wenzé inyaniso, ke thina senzé okungendawo.
34 Ookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, noobawo, abawenzanga umyalelo wakho, abazibazanga iindlebe emithethweni yakho, nasezingqinweni zakho, owangqina ngazo ngabo.
35 Bòna, ebukumkanini babo, ekulungeni kwakho okukhulu owabanikayo, ezweni elibanzi, elityebileyo, owabanikayo, àbakukhonzanga, ababuyanga ezenzweni zabo ezibi.