13 Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi ngokuba busuku esandéni. Zihlambe, kuba uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingèjengomnye wabakhonzazana bakho nje.
14 Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba; wadla, wahlutha, washiya.
15 Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi waluwisela umthetho ulutsha olulolwakhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi;
16 nimrholele nokumrholela inxenye ezithungwini, nishiye, abhikice, ningamkhalimeli.
17 Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa; wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa* yerhasi.
18 Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi.
19 Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi.