1 Kwafika ilizwi likaYehova kuYona okwesibini, lisithi,
2 Suk' ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo umemezo endithetha lona kuwe.
3 Wesuka ke uYona, waya eNineve ngokwelizwi likaYehova. Ke kaloku iNineve ibingumzi omkhulu kuThixo, iluhambo lweentsuku ezintathu.
4 UYona waqala wangena kuloo mzi uhambo losuku olunye, wamemeza, wathi, Zisaya kuba ziintsuku ezimashumi mané, iNineve ibhukuqwe.
5 Amadoda aseNineve akholwa kuThixo, amema uzilo, ambatha ezirhwexayo, ethabathela kwabakhulu bawo, esa kwabancinane bawo.