Uyona 4 XHO75

UYona ugxeka uThixo ngokwenza inceba

1 Kwaba kubi kuYona kakhulu, wavutha ngumsindo.

2 Wathandaza kuYehova, wathi, Camagu, Yehova! Labe lingelilo na ilizwi lam eli, ndisesemhlabeni wakowethu? Ngenxa yoko ndaphanga ngokubalekela eTarshishe; ngokuba ndandisazi ukuba ùnguThixo obabalayo, onemfesane, ozeka kade umsindo, onenceba enkulu, ozohlwayayo ngenxa yobubi.

3 Ke ngoku, Yehova, seluwuthabatha umphefumlo wam kum, kuba ukufa kum kulungile kunokuba ndidle ubomi.

4 Wathi uYehova, Uyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo?

5 Waphuma ke uYona kuwo umzi, wahlala ngasempumalanga kuwo umzi, wazenzela khona umnquba; wahlala ngaphantsi kwawo emthunzini, ukuze ade abone ukuba kuya kuthekani na kuwo umzi.

Isifundo ngomhlavuthwa

6 UYehova uThixo wammisela umhlavuthwa; waphuma, wenyuka waba phezu koYona, ukuba ube ngumthunzi entlokweni yakhe, umhlangule ebubini bakhe. Wawuvuyela uYona umhlavuthwa lowo, wawuvuyela kakhulu.

7 UThixo wamisela intlava, ukuthi qhiphu kokusa ngengomso, yabetha umhlavuthwa lowo, woma.

8 Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.

9 Wathi uThixo kuYona, Ùyalungisa na ukuthi oku, uvuthe ngumsindo ngenxa yomhlavuthwa? Wathi, Ndìyalungisa ukuthi ndivuthe ngumsindo kude kuse ekufeni.

10 Wathi uThixo, Wena unenceba ngomhlavuthwa, ongabulalekanga nguwo, ongawuhlumisanga, okhulé ngobusuku, wadaka ngobusuku:

11 ndingàbi nanceba na ke mna ngenxa yeNineve, loo mzi mkhulu, unabantu abangaphezu kwekhulu elinamanci mabini amawaka, abangakwaziyo ukunene kwabo kwikhohlo labo; kwanempahla enkulu eninzi?

kwizahluko

1 2 3 4