Umika 1 XHO75

Iziprofeto zokuchasa uSirayeli noYuda

1 Ilizwi likaYehova elafika kuMika waseMoreshete, ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, awalibonayo ngokusingisele kwelakwaSamari neYerusalem.

2 Yivani nonke, zizwe niphela; bazani indlebe, hlabathi nenzaliseko yalo; mayibe lingqina iNkosi uYehova ngani, iNkosi etempileni yayo engcwele.

3 Kuba nanko uYehova ephuma endaweni yakhe, eya kuhla, anyathele phezu kwemimango yehlabathi.

4 Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwé exandekeni.

5 Konke oko kungesikreqo sakwaYakobi, kungesono sendlu kaSirayeli. Ngubani na obange isikreqo sakwaYakobi? AsingowakwaSamari na? Ngubani na obange izigánga zakwaYuda? AsingowaseYerusalem na?

6 Ngoko ke ndolenza elakwaSamari libe yimfumba yamatye esisimi, libe ziindawo zokutyala imidiliya; ndiwaphose amatye alo emfuleni, ndizityhile iziseko zalo.

7 Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.

8 Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndíbhunyulwe, ndíshiywe ndizé; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.

9 Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.

Isililo ngokuwa kukaSirayeli

10 Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigaléle ngothuli.

11 Dlulani, bemi baseShafire, nihambe zé ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga; umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.

12 Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhlé ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.

13 Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.

14 Ngako oko ùya kuyinika iMoreshete yaseGati inqakwe; izindlu zaseAkezibhi ziya kuba ngumlambo okhohlisayo kookumkani bakwaSirayeli.

15 Ndisaya kuyizisa indlalifa kuni, bemi baseMaresha; baya kufika eAdulam abazukileyo bakwaSirayeli. Chebani, niziguye iintloko, ngenxa yoonyana beziyolo zenu;

16 kwenzeni banzi ukucheba kwenu, njengexhalanga; kuba bathinjiwe kuwe.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7