Umika 2 XHO75

Isohlwayo sokunyoluka nengcinezelo

1 Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebènze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo.

2 Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.

3 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.

4 Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sìbhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusísusa kwakhe kum! amasimi ethu úwabela amaphamba.

5 Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova.

6 Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba àbathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo.

7 Wena kùthiwa ùyindlu kaYakobi, úyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye?

8 Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, ábadlula bekholosile, bengathandi kulwa.

9 Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo; ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade.

10 Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxa yobunqambi bayo obonákalisayo, obonákalisayo kakhulu.

11 Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu.

Ukubuyiswa kwamasalela

12 Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu.

13 Únyuké phambi kwabo umgqobhozi; bayagqobhoza, bayangena esangweni, bayaphuma kwangalo; ukumkani wabo uhamba phambi kwabo, uYehova esentloko kubo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7