13 nikrazúle intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi.
14 Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu.
15 Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela.
16 Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyáyo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe.
17 Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda* nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Úphi na uThixo wabo?
18 Wába nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe.
19 Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni.