1 Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem,
2 ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.
3 Abantu bam zibenzéle amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.
4 Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
5 Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zam ezintle ezinqwenelekayo, nazísa etempileni yenu;