15 Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama;
16 yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude.
17 Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalàzwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo.
18 Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abènze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi.