1 Yeha, umzi oneenkani, ongcolileyo, oxinzelela phantsi!
2 Awuphulaphulanga lizwi; awamkelanga ngqeqesho; awukholosanga ngoYehova, awusondelanga kuThixo wawo.
3 Abathetheli bawo phakathi kwawo baziingonyama ezibharhulayo; abagwebi bawo baziingcuka zangokuhlwa, ezingabeki nto ukuze ziyigunuze kwakusa.
4 Abaprofeti bawo bayaxhaphazela, ngamadoda anginizayo; ababingeleli bawo bayayihlambela ingcwele, bagonyamela umyalelo.
5 UYehova ulilungisa esazulwini sawo; akenzi ngabugqwetha; imisó ngemisó ukumisa emhlotsheni okusesikweni kwakhe, angasileli; ke yena onobugqwetha akakwazi ukudana.
6 Ndizinqámle iintlanga, zichithakele iingqoqo zezindlu zazo. Ndizonakalisile izitrato zazo, ukuba kungabikho udlula ngazo; idilikile imizi yazo, ukuba kungabikho mntu, kungabikho umiyo kuyo.
7 Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho, lingànqanyulwa ikhaya lakho, njengako konke endakumisela khona; ke bavuka kusasa, bonakalise ngeentlondi zabo zonke.