18 Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
19 Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni,
20 ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubon' ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi.
21 Olusisindisayo ngawo nathi ngoku ubhaptizo ngokomfuziselo; olungekuko ukulahla ubunyhukunyhuku benyama; olukukubúzisa kuThixo kwesazela esilungileyo, ngokuvuka kukaYesu Kristu;
22 osekunene kukaThixo, eye emazulwini, kwakubon' ukuba kuthotyelwe phantsi kwakhe izithunywa zezulu, noomagunya, namandla.