17 Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.
18 Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, ekuthe ngoko sazi ukuba lilixa lokugqibela.
19 Báphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Báphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.
20 Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke.
21 Andinibhalelanga ngakuba ningàyazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni.
22 Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu?* Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana.
23 Bonke abamkhanyelayo uNyana, àbanaye noYise.