20 Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke.
21 Andinibhalelanga ngakuba ningàyazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni.
22 Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu?* Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana.
23 Bonke abamkhanyelayo uNyana, àbanaye noYise.
24 Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.
25 Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.
26 Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo.