28 Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;
29 kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.
30 Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banelè nabalele ukufa.
31 Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa.
32 Sigwetywa nje ke, siyaqeqeshwa yiNkosi, ukuze singasingelwa phantsi ndawonye nehlabathi.
33 Ngoko ke, bazalwana bam, xa nihlangene ndawonye ukuba nidle, lindanani.
34 Ukuba ke ubani ulambile, makadle ekhaya, ukuze ningahlanganeli ukugwetywa. Eziseleyo ke iindawo ndozilungisa, xa ndithe ndafika.