10 Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.
11 Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, sènjenjalo thina ukushumayela; nènjenjalo ke nina ukukholwa.
12 Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?
13 Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;
14 ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu.
15 Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angàmvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.
16 Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga.