44 kuhlwayelwa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowomoya. Kukho umzimba ongowemvelo, kukho nomzimba ongowomoya.
45 Ngokunjalo kubhaliwe kwathiwa, Owokuqala umntu uAdam waba ngumphefumlo odla ubomi; owokugqibela uAdam waba ngumoya odlisa ubomi.
46 Ke akuqali okomoya; kuqala okwemvelo, kwandule ukuza okomoya.
47 Owokuqala umntu uphume emhlabeni, ungowomhlaba; owesibini umntu, iNkosi, uphume emazulwini.
48 Into ayiyo owomhlaba, bakwayiyo abomhlaba; kanjalo nento ayiyo osemazulwini, bakwayiyo abasemazulwini;
49 njengokuba sawambathayo umfanekiselo wowomhlaba, siya kuwambatha nomfanekiselo wosemazulwini.
50 Ke, bazalwana, nditsho ukuthi, inyama negazi azinako ukubudla ilifa ubukumkani bukaThixo; nokonakala akunakukudla ilifa ukungonakali.